Umhla wokusebenza: 25 Juni 2024
I-AppLovin Corporation (xa idibene, “i-AppLovin”, “thina”, okanye “yethu”) ibonelela ngoluhlu lweemveliso, amaqhina asebenzisekayo, izisombululo ze-softwe, kunye neenkonzo eziquka i(ii)aphu (“i-App)”) esele zifakiwe ze-Array, i(ii)Kiti Zophuhliso ze-Softwe ye-Array (ii-SDK), kunye nolunye udibaniso olwahlukeneyo, ukuhlangana, iifitsha, isiqulatho, kunye neemveliso zentengiso (zihlangene, “Iinkonzo zeArray”) ezikuncedayo (“umsebenzisi,” “umsebenzisi wokugqibela, ” okanye “umsebenzisi wesixhobo”) ufumanise, zikudibanise kunye/okanye udawnlowude ngokuthe ngqo iiaphu eziphathwayo kunye nezinye iimveliso okanye iinkonzo.
Lo Mgaqo-nkqubo waBucala uchaza indlela esiziphatha ngayo iinkcukacha zobuqu esiziqokelela ngeeNkonzo ze-AppLovin Array. Ngaphandle kokuba kuchazwe ngolunye uhlobo kulo Mgaqo-nkqubo waBucala, imigaqo esetyenziswe kulo Mgaqonkqubo waBucala ineentsingiselo ezifanayo nakwiMigaqo yethu yeNkonzo. Ukongezelela, nangokuxhomekeke kumandla wakho, lo Mgaqo-nkqubo waBucala uchaza amalungelo athile kunye nokhetho malunga nenkcazelo yakho enokusebenza kuwe.
Ngokusebenzisa okanye ukufikelela kwiiNkonzo nangayiphi na indlela, uyavuma kwaye uyavumelana noqheliselo kunye nemigaqo-nkqubo echazwe kulo Mgaqo-nkqubo waBucala. Ukuba awuvumelani noqheliselo lwethu lwabucala, nceda uyeke ukusebenzisa iiNkonzo zethu.
Iinkcukacha Zobuqu Esiziqokelelayo
Sifumana le nkcazelo ilandelayo ukuze sibonelele ngeeNkonzo nokuze siphucule inkonzo kubasebenzisi nakumaqabane ethu oshishino:
Inkcazelo Esiyiqokelelayo Xa Usebenzisa Iinkonzo Zethu
Ukuba ungumsebenzisi osebenzelana neeNkonzo zethu, sinokuqokelela iinkcazelo ethile kuquka noku kulandelayo kumaqabane ethu oshishino, isixhobo esiphathwayo somsebenzisi, okanye ngokuthe ngqo kumsebenzisi:
- Inkcazelo yesixhobo, kuquka uhlobo, imodeli, inkqubo yokusebenza, kunye nee-app ezifakiweyo;
- Iimpawu zesixhobo ezinxulumene kubungakanani besikrini, ukuma kwaso, okumanyelwayo, ibhetri, ukusetyenziswa kwememori yesixhobo, iisetingi, kunye nexesha lokuqalisa kwaso;
- Iisetingi zesixhobo ezinxulumene nefitsha zofikelelo, ubungakanani befonti, umxholo;
- Ekuthweleyo;
- Inkqubo yokusebenza;
- Ilizwe, ixesha lendawo neesitingi zendawo (ilizwe kunye nolwimi olukhethiweyo);
- Uhlobo kunye nesantya soqhagamshelwano lwenethwekhi;
- Idilesi yeIP;
- Ummeli womsebenzisi wophenyo lwe-Intanethi osetyenziselwa ukufikelela kwiiNkonzo;
- Ii-ID zokuBhengeza (GAID); kunye
- Inkcazelo yokusetyenziswa kweApp, kuquka kodwa kungaphelelanga kule:
- Ixesha kunye nobude bokusetyenziswa kwe-App yakho
- Inkcazelo yokuloga ngokuphathelele indibaniselwano kunye nokusebenzisa kwakho iifitsha zeeaphu nezesixhobo, ezinjengokuba zeziphi iiaphu eziye zajongwa, zacofwa, zadawnlowudwa, zafakwa zaza zakhutshwa, idatha yetrafikhi yenethiwekhi, kunye nokhetho lweenkonzo ezikhethwa ngumsebenzisi.
Siza kuyila kwaye sabele isixhobo sakho isichongi (I-Id_yesixhobo) efana nenombolo yeakhawunti.
Inkcazelo Esiyiqokelelayo Xa Ungena kwiWebhusayithi Yethu
Ukuba ukhetha ukungena kwiwebhusayithi yethu, sisenokuqokelela inkcukacha zobuqu ekwabelwana ngazo nathi (ezifana negama, idilesi ye-imeyile, kunye nayo nayiphi na enye inkcazelo osinika yona xa uqhagamshelana nathi ngenkxaso okanye xa usinika uluvo). Iwebhusayithi yethu inokusebenzisa neekuki, iibhikhoni zewebhu, okanye obunye ubuchwepheshe obufanayo ukuqokelela inkcazelo yokuphenya. Ungakwazi ukunciphisa ukusetyenziswa kweekuki usebenzisa iisetingi zebrawuza yakho, kodwa qaphela ukuba iinxalenye ezithile zewebhusayithi zinokungasebenzi kakuhle ngaphandle kweekuki. Sikwasebenzisana ne-Google Analytics ukufunda ngakumbi malunga nendlela oyisebenzisa ngayo iwebhusayithi yethu. Ngenkcazelo ethe vetshe malunga nendlela iGoogle Analytics esebenza ngayo ungandwendwela apha. Ukuze uphume kwi-Google Analytics, ungandwendwela apha uze ulandele imiyalelo.
Inkcazelo evela Kweminye Imithombo
Amaqabane ethu okubhengeza anokwabelana nathi ngenkcazelo echaza ukuba kukangaphi abasebenzisi besebenzisa iiaphu kunye nenkcazelo malunga neziganeko ezenzeka ngaphakathi kwiaphu yabo. Sisenokufumana inkcazelo kumaqabane ethu (abangabavelisi besixhobo sakho okanye abathwali bemobhayili yakho) njenge-IMEI kunye nenombolo yefowuni esiyisebenzisela ukulungisa iingxaki. Sisebenzisa le nkcazelo ukuze sikubonelele ngeeNkonzo kwaye siphucule iimveliso kunye neenkonzo esizinikezela kuwe, kuquka ukunqanda ubuqhophololo kunye/okanye ukuqinisekisa ubuwena. Sisenokudibanisa inkcazelo esiyiqokelelayo nenye inkcazelo esiyifumana ngobuchwepheshe bokuhlalutya, kwaye sisebenzisa lo nkcazelo idityanisiweyo ukubonelela ngeeNkonzo. Olu hlobo lwenkcazelo lunokuquka inkcazelo yetransekshini enxulumene nokusebenzisana komthengi kunye neaphu, njengenkcazelo malunga nezenzo ezithathiweyo kwiaphu ezifana nokuthenga okanye ukufakwa kweaphu.
Iikiti zoPhuhliso lweSoftwe yeAphu yeMobhayili. Sinokusebenzisa ii-SDK zethu kwi-App, i-app yeqabane, kunye/okanye kwii-app ezicetyiswayo ngeenjongo ezahlukeneyo, kuquka ukusinika uhlalutyo ngokuphethelele ukusetyenziswa kweeaphu zethu zemobhayili, ukuzidibanisa namakhasi onxibelelwano, ukongeza iifitsha okanye ukusebenza kwe-app yethu, okanye ukuququzelela ezentengiso ezisekelwe emdleni. Ii-SDK zinokuvumela amaqela esithathu ukuba aqokelele inkcazelo ngokuthe ngqo ngokusebenzisa iiaphu zethu zemobhayili.
Indlela esizisebenzisa ngayo inkcukacha zakho zobuqu
Sisebenzisa inkcazelo esiyiqokelelayo ngenjongo yokubonelela ngeeNkonzo zethu kunye nokwenza uhlalutyo ukuze siphucule iimveliso, iinkonzo, kunye nobuchwepheshe bethu, kunye nobo bamaqabane ethu. Le nkcazelo ikwavumela ezentengiso kunye neengcebiso ze-app ezinokuthi zifaneleke kakhulu kumaqabane ethu oshishino kunye nabasebenzisi besixhobo. Ukongezelela, sisebenzisa le nkcazelo ukuhlalutya ukusebenza kwamaphulo ezentengiso zamaqabane ethu oshishini kunye nokubabonelela ngeengxelo zokusebenza. Ngokungakumbi, sinokusebenzisa iinkcukacha zakho ukuze:
- Ukubonelela ngeeNkonzo zethu, kuquka ukwenza iingcebiso zee-app onokuba nomdla kuzo, ukukwazisa malunga nohlaziyo lwee-app kwifowuni yakho ukuze ukwazi ukufaka ngokulula inguqulelo yamva nje, uhlaziyo oluzenzekelayo lweeNkonzo zethu, ukulungisa ingxaki, okanye ukuzibandakanya kwezinye iitranzekshini kunye nathi.
- Ukuvumela ukuba wenze i-akhawunti kwaye kungenjalo usebenzisane nathi kunye nee-app zeqabane lethu
- Ukuqinisekisa ukufaneleka kwakho kwiimveliso kunye/okanye kwiinkonzo ezithile
- Ukunxibelelana nawe malunga neeNkonzo zethu, kuquka ukuphendula kwizicelo zakho kwinkonzo yabathengi okanye ukuphendula imibuzo okanye imbalelwano oyithumela kuthi.
- Ukukubonisa ngentengiso enxulumene neeNkonzo zethu
- Ukuhlalutya nokuphucula iwebhusayithi, iApp, iimveliso, kunye neenkonzo zethu, kuquka nokuhlalutya iindlela ezihamba nezisetyenziswa ngayo
- Ukuhlalutya iindlela ezihamba ngayo ezentengiso nesimbo sabathengi ukwenzela iinjongo zoshishino lwangaphakathi
- Ukuthintela ubuqhophololo, ukubuphawula, ukubuphanda, nokulungelelanisa ukhuseleko okanye ezinye iinkxalabo zomthetho
- Ukuthobela imithetho nemigaqo esebenzayo okanye uphendule inkqubo yomthetho okanye izicelo zonyanzeliso mthetho
- Ukuzalisekisa nayiphi na enye injongo oyinikezelayo okanye oyivumayo
Indlela Esabelana Ngayo Neenkcukacha Zakho Zobuqu
Ekuqhubeni ishishini lethu nasekusebenzeleni ukukubonelela ngeeNkonzo (Iinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo ezichazwe kwicandelo elilandelayo), ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela kwenye indawo, sinokubhengeza okanye sabelane ngenkcukacha zakho ngezi ndlela zilandelayo:
- Ngee-app ezicetyiswayo, amahakani ethu, kunye namaqabane ethu ezoshishino. Xa usebenzisa iiNkonzo zeArray, singabelana ngenkcazelo ngee-app ezicetyisiweyo, amahlakani ethu ukuya kwinqanaba lokuba ii-app zabo zibe zezicetyiswayo, kunye namaqabane ezoshishino (abathwali bezixhobo neeOEM) nabanikezela ngeeNkonzo zethu, kuquka xa kuyimfuneko ukunikezela ngeeNkonzo zethu kunye neenjongo zonikezelo.
- Sikunye nababoneleli beenkonzo zethu. Sidlulisela inkcazelo kubaboneleli benkonzo, nakwamanye amahlakani axhasa ishishini lethu, njengokubonelela ngeenkonzo zeziseko zobugcisa, ukuhlalutya indlela iiNkonzo zethu ezisetyenziswa ngayo, ukulinganisa ukusebenza kwezentengiso neenkonzo, ukubonelela ngenkonzo yabathengi, okanye ukuququzelela iintlawulo. La maqabane kufuneka abambelele kwizibophelelo ezingqongqo zobumfihlo ngendlela ehambelana nalo Mgaqonkqubo waBucala kunye nezivumelwano esingena kuzo kunye nabo.
- Namaqela esithathu ngenxa yezizathu zomthetho okanye zokhuseleko. Singabelana ngenkcazelo emalunga nawe ukuba sikholelwa ngokusengqiqweni ukuba ukuthyila le nkcazelo kuyimfuneko ukuze sithobele inkqubo yomthetho evakalayo, imithetho esebenzayo kunye nemimiselo; ukuphanda, kulungiswe, okanye kunyanzeliswe ukophulwa kweMiqathango yethu yokuSebenza okanye uMgaqonkqubo waBucala; nokujonga kwaye kusombululwe ubuqhophololo okanye iinkxalabo zokhuseleko.
- Sikunye namaqela esithathu njengenxalenye yokufunyanwa okanye ukuthengiswa. Ukuba sibandakanyeke kudityaniso, kuthengiso lwee-asethi, kwezezimali, kuhlutho lweshishini, kulungelelaniso ngokutsha, okanye kuthatho lweshishini lethu lilonke okanye inxalenye yalo yenye inkampani okanye ukuba siyabhangiswa okanye sikwinkqubo yokutshona, singabelana ngenkcazelo yakho ngokunxulumene nentengiselwano okanye inkqubo enjalo ngaphambi kwaye okanye emva kokuba intengiselwano ivaliwe okanye iinkqubo zigqityiwe. Sisenokuzityhila iinkcukacha zobuqu naxa sisematyaleni, sibhangile, okanye sifunyenwe ngomnye umntu.
- Ngemvume yakho. Sisengabelana ngenkcazelo ngezinye iindlela ukuba usinika imvume okanye usiyalele ukuba senjenjalo.
Iinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo
Sizisebenzisa Njani Iinkcukacha Zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo
Xa ukhetha ukufakela iiaphu ezithile kwisixhobo eziquka ukusebenza kweArray, sisebenzisa inkcazelo esiyiqokelelayo ukuvumela ukudawnlowudwa okuthe ngqo kwezo aphu. Sibhekisela kwinkcazelo enjalo ngokuthi “Ziinkcukacha Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo,” nokusebenza okufana noku ngokuthi “Ziinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo.”
Ngokungakumbi, sinokusebenzisa iiNkcukacha zakho Zobuqu Zokudawnloda Ngokuthe Ngqo ukuze:
- Sikubonelele ngeeNkonzo zethu Zokudawnlowuda Ngokuthe ngqo, kuquka uhlaziyo oluzenzekelayo lweeNkonzo zethu kunye nokulungisa iingxaki
- (Kubasebenzisi baseU.S. kuphela) Ukwenza uhlalutyo ukuze siphucule iimveliso zethu, iinkonzo kunye nobuchwephesha
- Ukunxibelelana nawe malunga neeNkonzo zethu, kuquka ukuphendula kwizicelo zakho kwinkonzo yabathengi okanye ukuphendula imibuzo okanye imbalelwano oyithumela kuthi.
- Ukuthintela ubuqhophololo, ukubuphawula, ukubuphanda, nokulungelelanisa ukhuseleko okanye ezinye iinkxalabo zomthetho
- Ukuthobela imithetho nemigaqo esebenzayo okanye uphendule inkqubo yomthetho okanye izicelo zonyanzeliso mthetho
- Ukuzalisekisa nayiphi na enye injongo oyinikezelayo okanye oyivumayo
Iinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo azenzi naziphi na iingcebiso ze-app, kwaye asisebenzisi Iinkcukacha Zobuqu Zokudawnloda Ngokuthe Ngqo ukwenza naziphi na iingcebiso ze-app.
Indlela Esabelana Ngayo Ngenkcukacha Zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo
Ekuqhubeni ishishini lethu nasekusebenzeleni ukukubonelela ngeeNkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo, ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela kwenye indawo, sinokutyhila okanye sabelane ngeeNkcukacha zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo ngezi ndlela zilandelayo:
- Sikunye nababoneleli beenkonzo zethu. Sidlulisela iNkcukacha zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo kubaboneleli beenkonzo, kunye namanye amaqabane axhasa ishishini lethu, afana neenkonzo zobugcisa ezisisiseko, ukuhlalutya indlela ezisetyenziswa ngayo iiNkonzozethu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo, okanye ukubonelela ngenkonzo yabathengi. La maqabane kufuneka abambelele kwizibophelelo ezingqongqo zobumfihlo ngendlela ehambelana nalo Mgaqonkqubo waBucala kunye nezivumelwano esingena kuzo kunye nabo.
- Namaqela esithathu ngenxa yezizathu zomthetho okanye zokhuseleko. Singabelana ngeeNkcukacha zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo ukuba sikholelwa ngokusengqiqweni ukuba ukutyhila ezo Nkcukacha kuyafuneka ukuze kuthotyelwe inkqubo yomthetho esebenzayo, imithetho esebenzayo kunye nemiqathango; uphando, ukulungisa, okanye unyanzeliso lokwaphulwa kweMiqathango yethu yokuSebenza okanye uMgaqonkqubo waBucala; nokufunyaniswa kuze kusombululwe ubuqhophololo okanye iinkxalabo zokhuseleko.
- Sikunye namaqela esithathu njengenxalenye yokufunyanwa okanye ukuthengiswa. Ukuba sibandakanyeke kudityaniso, kuthengiso lwee-asethi, kwezezimali, kuhlutho lweshishini, kulungelelaniso ngokutsha, okanye kuthatho lweshishini lethu lilonke okanye inxalenye yalo yenye inkampani okanye ukuba siyabhangiswa okanye sikwinkqubo yokutshona, singabelana ngeeNkcukacha zakho Zobuqu ZokuDawnlowuda Ngokuthe Ngqo ngokunxulumene nentengiselwano okanye inkqubo enjalo ngaphambi kwaye okanye emva kokuba intengiselwano ivaliwe okanye iinkqubo zigqityiwe. Sisenokutyhila iiNkcukacha zakho Zobuqu ZokuDawnlowuda Ngokuthe Ngqo xa uthe kusematyaleni, kubhangwa, okanye thenge omnye umntu.
- Ngemvume yakho. Singabelana ngeeNkcukacha zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo ngezinye iindlela ukuba usinika imvume okanye usiyalele ukuba senjenjalo.
Asabelani ngeNkcukacha zakho Zobuqu Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo kunye nawo nawaphi na amaqabane entengiso.
Indlela esiSebenzisa size Sabelane ngayo Inkcazelo Engenakuchongwa kunye/okanye Edityanisiweyo
Iinkcukacha Zobuqu kunye nenye inkcazelo engenakuchongwa kunye/okanye ludityaniswe ngendlela yokuba kususwe amacandelo obuqu achongekayo. Inkcazelo engenakuchongeka kunye/okanye edityanisiweyo ayiphathwa kwaye ayiyi kuphathwa njengenkcazelo yobuqu kwaye inokusetyenziswa sithi kwaye sabelane ngayo nabantu besithathu ukuze baqonde ekuphuhliseni okanye ekuphuculeni iimveliso okanye iinkonzo, ukuthengisa, uphando lotyalo-mali okanye naziphi na ezinye iinjongo ezivumelekileyo ngokusemthethweni. Aba bantu besithathu banokusebenzisa kwaye batyhile inkcazelo engachongekiyo kunye/okanye edityanisiweyo ngeenjongo zabo zoshishino, kuquka ukuqonda izimbo zokuthenga zabathengi, uphando lotyalo-mali, iindlela zentengiso nokunye ukuqonda kunye nazo naziphi na ezinye iinjongo ezivumelekileyo ngokusemthethweni.
Amalungelo akho aBucala kunye noKhetho
Usenokuba nelungelo lokucela ukufikelela, ukulungisa, ukutshintsha, ukucima, ukuya komnye umboneleli wenkonzo, uthintele, okanye uchase ukusetyenziswa okuthile kweenkcukacha zakho zobuqu (umzekelo, ukuthengisa ngokuthe ngqo). Asiyi kukuhlawulisa ngakumbi okanye sikunike umgangatho wenkonzo owahlukileyo ukuba usebenzisa nawaphi na kula malungelo. Nangona kunjalo, xa kusenziwa utshintsho lwenziwa, singagcina ikopi yenkcazelo engahlaziywanga kwiingxelo zethu. Ungaqhagamshelana nathi malunga nemibuzo okanye izicelo ezinxulumene neenkcukacha zakho zobuqu ngokuthumela i-imeyile ku [email protected]. Ukuze sikhusele ubumfihlo bakho, ngaphambi kokuba sikunike ufikelelo okanye sikuvumele uhlaziye iinkcukacha zakho, sinokukucela ukuba uqinisekise ubuwena okanye usinike iinkcukacha ezongezelelweyo. Sinokusikhaba isicelo ngezizathu ezininzi, kuquka, umzekelo, ukuba isicelo sibeka emngciphekweni ubumfihlo babanye abasebenzisi, sifuna iinzame zobugcisa ezingalinganiyo nesicelo, siyaphindaphindwa, okanye asikho mthethweni.
Iinguqulelo ezihlaziyiweyo ze-Android zikuvumela ukuba unciphise ukuqokelelwa kwenkcazelo zii-app kwizixhobo zemobhayili, kuquka i-ID yeNtengiso kunye nenkcazelo yendawo, nceda undwendwele iisetingi zesixhobo sakho ukuseta ezi fitsha kwisixhobo sakho. Unokwenza nokhetho malunga nokuqokelelwa kwenkcazelo kwaye uphume kwintengiso esekelwe emdleni ziinkampani ezithile ezithatha inxaxheba ngokundwendwela kwiqonga lokukhetha umdla wabathengi njengamaPhulo eNtengiso zeNethiwekhi. (apha) okanye Umbutho Wezentengiso weDijithali (apha).
Nceda uqaphele, usenokufumana ezentengiso kwisixhobo sakho emva kokunciphisa ukusetyenziswa kwenkcazelo kwintengiso esekelwe kumdla, kodwa ezo ntengiso zisenokungahambelani nomdla wakho.
Izibonelelo Ezithile Zabathengi base-EU/UK
Udluliselwano Lwamazwe Ngamazwe
Sinokudlulisela inkcazelo ethile yobuqu e-U.S. kwaye sixhomekeke kwiMigaqo yeKhontrakthi yoMgangatho wase-EU kunye nolunye ukhuseleko ukuze sikwazi ukuyidlulisela.
Isiseko Esisemthethweni Sokuqhubekekisa
Ngamaxesha athile, siqhubekekisa inkcazelo yakho yobuqu xa kuyimfuneko ukuze senze ikhontrakthi oyinxalenye yayo, njengokukubonelela ngeeNkonzo. Sisenokuphinda siqhubekekise inkcazelo yakho ukuze siphendule imibuzo yakho malunga neemveliso kunye neenkonzo zethu.
Ngamanye amaxesha, siqhubekekisa inkcazelo yakho yobuqu xa ifunwa ngumthetho. Sisenokuphinda siqhubekekise inkcazelo yakho yobuqu ukuba kuyimfuneko ukukhusela umdla wakho okanye umdla womntu wesithathu.
Ukongeza, sijongisisa inkcazelo yakho yobuqu xa kuyimfuneko ukwenzela uthintelo lobuqhophololo, ukuphucula inethwekhi kunye neenkonzo zethu, kunye nokuthengisa iinkonzo zethu kumaqabane eshishini; xa lomdla ungathathwa ngamalungelo akho okukhuselwa kwenkcazelo.
Ukuba ukujongisiswa kwenkcazelo yobuqu kuyimfuneko kwaye asikho esinye isiseko esisemthethweni sokuqhubekekisa okunjalo, ngokuqhelekileyo siya kuqiniseka ukuba imvume ifunyenwe kuwe. Unelungelo lokurhoxisa imvume yakho yokuqhubekekiswa kwenkcazelo yobuqu nangaliphi na ixesha.
Ngemibuzo malunga nokuqhubekekiswa kwenkcazelo, nceda uqhagamshelane neGosa lethu lokuKhuselwa kweNkcazelo. Ndwendwela kwicandelo elithi “Uqhagamshelwano” apha ngezantsi ukufumana inkcazelo yoqhagamshelwano.
Abantwana
Ezi Nkonzo azenzelwanga ukusetyenziswa ngabantwana (abaneminyaka eyi-16 okanye ubudala obungaphezulu njengoko kufunwa ngumthetho osebenzayo). Asithi sisazi siqokelele iinkcukacha zobuqu kubantwana ngezi Nkonzo okanye sithi sisazi sibavumele ukuba basebenzise iiNkonzo zethu. Ukuba sifumanise ukuba siqokelele iinkcukacha zobuqu ngempazamo emntwaneni, siya kuzicima ezo nkcukacha. Ukuba ukholelwa kukuba siye saqokelela iinkcukacha zobuqu kumntwana okanye malunga nomntwana, nceda uqhagamshelane nathi ku [email protected].
Amalungelo Akho
Ukuba ungumntu wase-EU/UK, uyakwazi:
- Ukucela ukufikelela kwinkcazelo yobuqu esinayo emalunga nawe;
- Ukucela ukuba silungise okanye sicime inkcazelo yakho yobuqu;
- Ukucela ukuba sithintele okanye sinqande ukusetyenzwa kwenkcazelo yakho yobuqu;
- Ngaphantsi kweemeko ezithile, ukuze ufumane inkcazelo yobuqu malunga nawe esiyigcinayo kwaye ithumelwe kwenye ngaphandle kothintelo lwethu, kuquka nokucela ukuba sinikezele ngenkcazelo yakho yobuqu ngokuthe ngqo kwenye, oko kukuthi, ilungelo lokuphatha inkcazelo; kwaye
- Apho siye safumana imvume yakho ngaphambili, ukurhoxisa imvume yokuqhubekekisa inkcazelo yakho yobuqu.
Ukusebenzisa la malungelo achazwe ngasentla, nceda usithumelele i-imeyili ku [email protected]. Nceda uqaphele ukuba sisenokungakwazi ukukunika la malungelo phantsi kweemeko ezithile, ezinjengokuthintelwa ngokusemthethweni ukuba senze oko.
Ukongezelela, unelungelo lokufaka isikhalazo ngathi. Ukuze wenze oko, qhagamshelana nomlawuli osegunyeni kwilizwe ohlala kulo.
[UKUPHELA KWEZIBONELELO EZITHILE ZASE-EU/UK]
Izibonelelo Zabucala Zamazwe Aliqela ase-U.S.
Eli candelo lisebenza kuphela kubahlali abathile (“Abahlali Abangabantu aba-Inshoriweyo”) baseU.S states abaye baphumeze imithetho ebanzi yabucala yabathengi, kuquka uMthetho Wabathengi Wabucala waseCalifornia ka-2018 njengoko ulungisiwe nguMthetho wamaLungelo aBucala waseCalifornia (“CCPA”), uMthetho waBucala waseColorado, uMthetho woBucala weNkcazelo waseConnecticut, uMthetho wokuKhuselwa kweNkcazelo yoMthengi waseVirginia, uMthetho waBucala wabaThengi wase-Utah, kunye nemigaqo enxulumene nayo ngamnye kuyo, kwakunye nemithetho efanayo yabucala yabathengi enokuthi yenziwe kwixesha elizayo (xa idibene, “Imithetho eSebenzayo”).
Ukuqokelelwa, ukuSetyenziswa, kunye nokuTyhilwa kweeNkcukacha zoBuqu
Itshati engezantsi ishwankathela iindidi zeenkcukacha zobuqu esiziqokelelayo, imithombo yeenkcukacha zobuqu eziqokelelweyo, iinjongo zoshishino zokuqokelela kwethu, kunye neendidi zabantu besithathu “esityhila” okanye “esabelana” nabo iinkcukacha zobuqu. Itshathi ichaza uqheliselo lwethu, lwangoku nolwasebudeni beenyanga ezili-12 ezidlulileyo.
Udidi Lwenkcazelo Yobuqu Eqokelelweyo | Um(imi)thombo Wenkcazelo Yobuqu | I(ii)njongo Yoshishino Yokuqokelelwa | Abantu Besithathu – Ukutyhilwa Ngenjongo Yoshishino |
---|---|---|---|
Izichongi, ezifana nedilesi yeIP kunye nesichongi se-intanethi (njenge-ID yentengiso) | • Wena okanye isi(zi)xhobo sakho • Amahlakani |
• Uhanjiso Lweenkonzo • Uhanjiso Lwezentengiso (akusebenzi Kwiinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo) • Inkxaso Yobuchwephesha • Inkxaso Yabathengi • Uhlalutyo • Uphando Lweshishini & Nophuhliso(akusebenzi Kwiinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo) • Ezentengiso & Nezibhengezo (akusebenzi Kwiinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo) • Ukhuselo Lweqonga & Nothintelo Kubuqhophololo • Ukuthobela izibophelelo Ezisemthethweni |
• Abanikezeli Nkonzo • Amahlakani • Abamkeli Bakho Abachaziweyo • Amaqumrhu kaRhulumente/uNyanzeliso Mthetho |
Izichongi, njenge-IMEI nenombolo yomnxeba | • Umvelisi wesixhobo sakho okanye umthwali wakho wemobhayili | • Uhanjiso Lweenkonzo • Ukusombulula Ingxaki • Inkxaso Yobuchwepheshe • Inkxaso Yabathengi • Uhlalutyo • Ukhuselo Lweqonga & Nothintelo Kubuqhophololo • Ukuthobela Izibophelelo Ezisemthethweni |
Amahlakani • Abamkeli Bakho Abachaziweyo • Amaqumrhu kaRhulumente/uNyanzeliso Mthetho |
Iinkcukacha Zobuqu Ezinobuzaza, ezifana neenombolo zokhuseleko loluntu, ingingqi echanileyo, okanye inkcazelo yemfuzo neyebhayometriki* | • I-AppLovin ayiqokeleli okanye ikhuphe “iinkcukacha zobuqu ezinobuzaza” zabasebenzisi bayo njengoko kuchaziwe kwiMithetho eSebenzayo. | N/A | N/A |
Inkcazelo yezoRhwebo, efana neengxelo zeenkonzo ezigqalwayo okanye enye imbali okanye utyekelo lokuthenga okanye ukuthengisa (umzekelo, uluvo, ukucofa, ukufaka inkcazelo) | • Wena okanye isi(zi)xhobo sakho • Amahlakani |
• Uhanjiso Lweenkonzo • Uhanjiso Lwezentengiso (akusebenzi Kwiinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo) • Uhlalutyo • Uphando Lweshishini & Nophuhliso • Ukhuselo Lweqonga & Nothintelo Kubuqhophololo • Ukuthobela Izibophelelo Ezisemthethweni |
• Ababoneleli beNKonzo • Amahlakani • U(aba)mamkeli Wakho Ochaziweyo |
I-Intanethi okanye iNkcazelo yeNethwekhi, njengenkcazelo ephathelele unxibelelwano kunye newebhusayithi, iaphu, okanye intengiso, okanye imbali yophenyo lwe-intanethi | • Wena okanye isi(zi)xhobo sakho | • Uhanjiso Lweenkonzo • Uhanjiso Lwezentengiso (akusebenzi Kwiinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo) • Uhlalutyo • Uphando Lweshishini & Nophuhliso • Ukhuselo Lweqonga & Nothintelo Kubuqhophololo • Ukuthobela Izibophelelo Ezisemthethweni |
• Ababoneleli beNKonzo • Amahlakani • U(aba)mamkeli Wakho Ochaziweyo |
Iinkcukacha Zengingqi, ezifana nenkcazelo yengingqi ekwinqanaba yelizwe | N/A | N/A | N/A |
Iintelekelelo, ezinjengokufunyanwa kwenkcazelo, iinkcukacha, okanye ucingelo olusuka kwiintlobo zenkcazelo yobuqu equkwe ngasentla. | • Wena okanye isi(zi)xhobo sakho • Amahlakani |
• Uhanjiso Lweenkonzo • Uhanjiso Lwezentengiso (akusebenzi Kwiinkonzo Zokudawnlowuda Ngokuthe Ngqo) • Uhlalutyo • Uphando Lweshishini & Nophuhliso • Ukhuselo Lweqonga & Nothintelo Kubuqhophololo • Ukuthobela Izibophelelo Ezisemthethweni |
• Abanikezeli Nkonzo • Amahlakani |
*I-AppLovin ayiqokeleli okanye ikhuphe “iinkcukacha zobuqu ezinobuzaza” zabasebenzisi bayo njengoko kuchaziwe kwiMithetho eSebenzayo. Oku kuthetha ukuba i-AppLovin ayiqokeleli zinombolo zokhuseleko zabantu, iilayisensi zokuqhuba, ii-akhawunti zemali okanye iinombolo zamakhadi etyala (ngaphandle kokuba zibonelelwe ngabathengi bethu abashishina nathi ngeenjongo zokuqhubekekisa intlawulo), ingingqi echanileyo, uhlanga kunye neempawu zobuzwe, iinkolelo kunye neenkolo zefilosofi, ubulungu bemanyano, iziqulatho zemiyalezo (iileta, i-imeyili, okanye imibhalo), imeko yempilo yengqondo okanye yomzimba okanye ukuxilongwa, ubomi bokwabelana ngesondo okanye ubuni kwezesondo, inkcazelo yofuzo neyebhayometriki, okanye inkcazelo esuka kumntwana owaziwayo.
Ukuthengisa okanye uKwabelana ngeeNkcukacha Zobuqu
I-AppLovin “ayithengisi” nkcazelo njengoko abantu abaninzi ngokuqhelekileyo beya kuliqonda elo binzana; I-AppLovin ayizityhili, kwaye ayiyi kuzityhila iinkcukacha zakho zobuqu ngotshintshiselwano oluthe ngqo lwemali okanye ngenye indlela yokuhlawula. Ukongezelea, i-AppLovin “ayabelani” ngeenkcukacha zobuqu ezimalunga nawe nakomphi na umntu wesithathu “kwintengiso yesimbo somdla womntu.” I-AppLovin kuphela “yabelana” ngeenkcukacha zakho zobuqu kunye namahlakani ayo, ababoneleli ngenkonzo, abamkeli bakho abachaziweyo, okanye amaqumrhu karhulumente/unyanzeliso mthetho ukuba oko kuyimfuneko. Itshathi equkwe ngasentla imisela iintlobo zabantu besithathu “esabelane” nabo ngeenkcukacha zobuqu kwezi nyanga zili-12 ezidlulileyo.
Amalungelo Akho Abucala
NjengoMhlali Ongumntu o-Inshoriweyo, usenokukwazi ukusebenzisa la malungelo alandelayo ngokunxulumene neenkcukacha zobuqu esinokuba siziqokelele ngawe, ngokuxhomekeke kwimilinganiselo ethile kunye neemfuno, kuquka ukuqinisekiswa bobuwena kunye nelungelo lethu lokugcina inkcazelo ukuze sithobele izibophelelo zethu ezisemthethweni, phakathi kwezinye iimeko.
Ilungelo Labucala | Iinkcukacha Ezimfutshane |
---|---|
Zazi uze Uzifikelele Iinkcukacha zakho Zobuqu | Unokucela, ukufikelela kumatyeli amabini kwisithuba seenyanga ezili-12, ukuba sikuchazele iindidi kunye namaqhezu athile eenkcukacha zobuqu esiziqokelele malunga nawe, iindidi zemithombo apho iinkcukacha zakho zobuqu ziqokelelwe khona, injongo yoshishino okanye yorhwebo yokuqokelela iinkcukacha zakho zobuqu, iindidi zeenkcukacha zobuqu esizibhengezele injongo yoshishino, naziphi na iindidi zeenkcukacha zobuqu ezimalunga nawe esiye sazithengisa okanye sabelana ngazo, iindidi zabantu besithathu esabelane nabo iinkcukacha zakho zobuqu, kunye nenjongo yoshishino okanye yorhwebo yokuthengisa iinkcukacha zakho zobuqu, ukuba kufanelekile. |
Cela ukucinywa Kweenkcukacha zakho Zobuqu | Unelungelo lokucela ukuba sicime iinkcukacha ezithile zobuqu esisenokuba siziqokelele kuwe. |
Phuma “kuThengiso” okanye “Ukwabelana” Ngeenkcukacha Zakho Zobuqu | Ukuya kufikelela “ekwabeleni” kwe-AppLovin ngeenkcukacha Zobuqu ezimalunga nawe ngeenjongo zokukunika ezentengiso okanye iziqulatho ezenzelwe wena, ezaziwa ngokuba “yintengiso esekwe kumdla,” “intengiso yojoliso,” okanye “intengiso yezimbo zomdla wabantu,” unelungelo lokuphuma kuyo nayiphi na “intengiso” okanye “ukwabelana” kwexesha elizayo kweenkcukacha zakho zobuqu njengoko kuchaizwe yiMithetho eSebenzayo (nanjengoko kucacisiwe ngezantsi). |
Ukungacalucaluli | Unelungelo lokusebenzisa amalungelo owanikiweyo yiMithetho eSebenzayo ngaphandle kokucalulwa. |
Ukuphatheka Kwenkcazelo | Unelungelo lokucela ukuba kudluliselwe iinkcukacha ezithile zobuqu ekunokuthi kanti siziqokelele kuwe ziye kwamanye amaqumrhu, ngaphandle kokuba ukudlulisela lonkcazelo akunakwenzeka ngokobugcisa. |
Inkcazelo Eyiyo Engachananga | Unelungelo lokucela ukuba silungise iimpazamo okanye iinkcukacha ezingachanekanga kwiinkcukacha zobuqu esiziqokelele kuwe. |
UkuPhuma Kulwabelo Lwentengiso Lwezinto Abanomdla Kuzo Abantu | Ukuya kufikelela “ekwabeleni” kwe-AppLovin ngeenkcukacha zakho zobuqu “kwintengiso yezimbo zomdla wabantu,” edla ngokubizwa ngokuba “yintengiso esekelwe kumdla” okanye “intengiso ejolisiweyo,” unelungelo lokuphuma koku “kwabelana.” |
Nciphisa ukuSetyenziswa okanye ukuBhengezwa kweeNkcukacha zoBuqu Ezinobuzaza | Kwiimeko ezithile, unelungelo lokunciphisa ukusetyenziswa kwalo naluphi na uhlobo lwenkcazelo yobuqu enobuzaza. Njengoko kuphawuliwe ngasentla, i-AppLovin ayiqokeleli okanye ifune ukufumana uhlobo lwenkcazelo yobuqu enobuzaza. |
Phuma kuSetyenziso loKwenzelwa Izigqibo Ngokuzenzekelayo | Kwiimeko ezithile, unelungelo lokuphuma ekusebenziseni kokwenzela izigqibo ngokuzenzekelayo ngokunxulumene neenkcukacha zakho zobuqu. |
UngawaSebenzisa njani Amalungelo Akho
Ukusebenzisa ilungelo lakho lokwazi, ilungelo lokufikelela, ilungelo lokulungisa, ilungelo lokucima, ilungelo lokuphuma kwintengiso okanye ukwabelana ngenkcazelo, okanye naliphi na elinye ilungelo onokuba nalo phantsi komthetho osebenzayo, nceda ungenise isicelo ngokuya ku “Lawula ukhetho lwam lwabucala” phantsi “Kweesetingi” zeaphu okanye zesixhobo sakho okanye usithumelele i-imeyili ku [email protected] okanye ngokusibhalela kwidilesi yendawo yethu kwicandeloelingezantsi elithi “Qhagamshelana Nathi”, ngombandela othi “Isicelo Samalungelo Enkcazelo Yabucala” uze uchaze ukuba ngawaphi amalungelo(ilungelo) ongathanda ukuwasebenzisa (umzekelo, ilungelo lakho lokucima). Kuya kufuneka siqinisekise ubuwena ngaphambi kokuba siqhubekekise isicelo sakho. Ukuze siqinisekise ubuwena, ngokuqhelekileyo siza kufuna ukungqamanisa inkcazelo eyaneleyo osinika yona kwinkcazelo esiyigcinileyo emalunga nawe kwiinkqubo zethu. Kwiimeko ezithile, sisenokusikhaba isicelo ukuze sisebenzise amalungelo achazwe ngasentla, ingakumbi xa singakwaziyo ukuqinisekisa ubuwena okanye ukufumana inkcazelo yakho kwiinkqubo zethu. Ukuba asikwazi kusithobela sonke isicelo sakho okanye inxalenye yaso, siya kuchaza izizathu zokwala ukuthobela isicelo.
Kwiimeko ezithile, uvumelekile ukuba usebenzise iarhente egunyazisiweyo ukuba ifake izicelo egameni lakho xa (i) usinika ubungqina obaneleyo obubonisa ukuba umceli yiarhente egunyazisiweyo enemvume ebhaliweyo yokwenza oko egameni lakho kwaye (ii) ubuqinisekise ngempumelelo ubuwena kunye nathi.
Kuxhomekeke kwimeko yakho, ukuba usifakile isicelo okholelwa ukuba asisizalisekisanga, ungaqhagamshelana nathi ukuze ubhene kwisigqibo sethu ngokuphendula kwimpendulo yethu yesicelo sakho, okanye ngokuqhagamshelana nathi ku [email protected].
Injongo yethu kukuphendula isicelo somthengi phakathi kweentsuku ezingama-45 sisifumene eso sicelo. Ukuba sifuna ixesha elingakumbi, siya kukwazisa ngesizathu kunye nexesha elongezelelekileyo ngokukubhalela.
[UKUPHELA KWEZIBONELELO ZABUCALA ZAMAZWE ALIQELA ASE-U.S.]
Ezinye Iisayithi kunye Neenkonzo
Iinkonzo zethu zinokudibana kwiiwebhusayithi zomntu wesithathu kunye nakwii-app ezicetyiswayo. Asinaxanduva ngoqheliselo lwabucala okanye isiqulatho sewebhusayithi yomntu wesithathu kunye nee-app zemobhayile. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga noqheliselo lwabo lwabucala, kufuneka ujonge imigaqonkqubo yabo uze uqhagamshelane nabo ngokuthe ngqo.
Ukhuseleko Lwenkcazelo Yakho
Sibeka imilinganiselo yobuchule nelungeleleneyo esengqiqweni nefanelekileyo ekuncedeni kukhuselwe inkcazelo eqokelelwe kwiiNkonzo zokulwa nxamnye nofikelelo ngengozi okanye olungekho mthethweni, ukutshatyalaliswa, lokulahleka, ukutshintsha okanye ukonakala. Nangona kunjalo, akukho nkqubo yokhuseleko inokungangeneki, kwaye asinakuluqinisekisa ngokupheleleyo ukhuseleko lweenkcukacha zakho zobuqu.
Ukugcinwa Kwenkcazelo
Siyigcina inkcazelo esiyiqokelelayo ngeeNkonzo ukuya kutsho kwiminyaka emi-2. Inkcazelo isuswa ngokuzenzekelayo kwinkqubo yethu ukuba iiNkonzo azifumani nayiphi na inkcazelo ehlaziyiweyo kwisixhobo kwiminyaka emi-2 edlulileyo. Phawula ukuba siya kuyigcina inkcazelo kwiinkqubo zethu kangangexesha elide kangangoko kuyimfuneko ukuze sithobele izibophelelo zethu ezisemthethweni, sisombulule imiba, kwaye sinyanzelise izivumelwano zethu.
Ukugcinwa Kwenkcazelo kunye Nokugqithiswa Kweenkcukacha Zobuqu Ngaphandle Kwelizwe Lakho
Siyigcina inkcazelo esiyiqokelela kwisixhobo sakho kunye nababoneleli bethu bokuyigcina abasemoyeni eUnited States. Ngoko ke, nceda uphawule ukuba awuhlali e-United States, siya kuyidlulisela inkcazelo yakho eUnited States size siyigcine khona. Ukuba ukuMmandla wezoQoqosho waseYurophu, eUnited Kingdom, okanye eSwitzerland, siya kuyidlulisela inkcazelo yakho eUnited States ngokusekelwe kwiMilinganiselo Yemigaqo yeKhontrakthi ye-EU (njengoko kukhankanyiwe ngasentla phantsi “kweZibonelelo Ezithile zaBathengi base-EU/UK” – “Ugqithiselo Lwamazwe Ngamazwe”).
Ubucala Babantwana
Ezi nkonzo ziyilelwe abantu ubuncinane abakubudala bokuba bavumele ukusetyenziswa kwenkcazelo (umzekelo, iminyaka eyi-13 ubudala e-United States, neminyaka eyi-16 ubudala kwezinye iinxalenye zase-EU) kwaye azenzelwanga ukusetyenziswa ngabantwana. Asithi sisazi siqokelele okanye sisebenzise inkcazelo yobuqu evela ebantwaneni, kuquka abo bakummandla wezoQoqosho waseYurophu, eUnited Kingdom, naseSwitzerland, ngaphandle kokuba sithobela umthetho okanye sixhasa umdla wethu osemthethweni okanye umdla osemthethweni wamaqabane ethu njengoko kuchazwe ngasentla. Ukuba ukholelwa kukuba umntwana wakho uye wasinika iinkcukacha zobuqu, nceda uqhagamshelane nathi ku [email protected] kwaye siya kwenza iinzame ezifanelekileyo zokuyicima lo nkcazelo kwiingxelo zethu.
Utshintsho kuMgaqo-nkqubo waBucala
Sinelungelo lokuwulungisa lo Mgaqo-nkqubo waBucala ngamanye amaxesha. Nakuphi na okutshintshwayo kuya kubonakala kulo Mgaqo-nkqubo waBucala. Siza kubonisa umhla lo Mgaqo-nkqubo waBucala oqgqityelwe ngawo ukuhlaziywa. Ngokuqhubeka usebenzisa iiNkonzo emva kwaloo mhla, uyavumelana noqheliselo lwabucala oluqulethwe kuMgaqo-nkqubo waBucala ohlaziyiweyo.
Uqhagamshelana Nathi Kanjani
Ukuba unayo nayiphi na imibuzo okanye izimvo malunga nalo Mgaqo-nkqubo waBucala, nceda usibhalele ku:
Data Protection Officer
AppLovin Corporation
1100 Page Mill Road
Palo Alto, CA 94304
Unokuqhagamshelana nathi nge-imeyili ku [email protected].